1 Timoti 5:8 |
Umntu ongazikhathaleleyo izizalwane zakhe, ingakumbi ezihlala naye, selelulahlile ukholo, ungcole ngaphezu kwabangakholwayo. |
|
2 Korinte 4:16 |
Kungenxa yale nto ke singethi mandla nje. Kaloku imo yethu entsha isuka ihlaziyeke ngokuhlaziyeka, nokuba imo yethu endala yona iya isonakala ngokonakala. |
|
Deuteronomy 32:7 |
Khanibuzise niqonde ngezamandulo; khaniphande nive ngezizukulwana ezadlulayo. Amanyange wona aya kunibalisela; amadod' amakhulu aya kunichubela. |
|
Deuteronomy 34:7 |
Ukufa kwakhe uMosis wayenekhulu elinamashumi amabini eminyaka, kodwa esomelele, engabikwa hlaba, namehlo akhe engekabi nalo norhatyazo. |
|
Ecclesiastes 7:10 |
Musa ukuthi: “Bekungani ukuba imihla yamandulo ibe ngcono kunale yangoku?” Kaloku ayibubo ubulumko ukubuza umbuzo onjalo. |
|
Exodus 20:12 |
“Mhlonele uyihlo ndawonye nonyoko, khon' ukuze ube nokuzinza kwelo lizwe ndikunika lona mna Ndikhoyo Thixo wakho. |
|
Genesis 6:3 |
Ngoko ke *uNdikhoyo wathi: “Andisayi kubayeka babe zizimakade abantu. Kaloku bangabantu abafayo. Ukususela ngoku abayi kuhlala ngaphezu kwekhulu elinamashumi amabini eminyaka.” |
|
Genesis 25:8 |
*** |
|
Isaya 40:29 |
Yena ngumhlaziyi wâbo batyhafileyo, umomelezi wâbo bangenamandla. |
|
Isaya 46:4 |
Noda niguge nibe ziingwevu mna ndisengulowo unixhasayo. Nenziwa ndim, ngoko ke ndonisingatha; ewe, ndonigcina ndinihlangule. |
|
Yobhi 5:26 |
Uya kudla ubomi ude ukhokhobe, nqwa nengqolowa engavunwayo lingekafiki ixesha. |
|
Yobhi 12:12-20 |
[12] Ubulumko buyafumaneka kwiingwevu; ke bona ubudala buza namava.[13] “Kanti ke yena uThixo unobulumko namandla, amacebo nengqiqo.[14] Into ayiqhaqhileyo akukho mntu unokubuya ayakhe; ngokunjalo nomntu amvaleleyo akukho ungamvulelayo.[15] UThixo akuwavalela amanzi kuyabalela; kanti ke akuwavulela kutsho kube ziimpuphuma.[16] Ukomelela noloyiso lolwakhe, kanti ke nabakhohlisi ngokunjalo nabakhohliswa basesandleni sakhe.[17] Yena amaphakathi uwatsho ancitheke, nabagwebi abatsho babe ziimpanga-mpanga.[18] Uyawakhulula amakhamandela aqhotyoshwe ngookumkani, aze bona ngokwabo abanxibise umbhinqo wamabanjwa.[19] Ababingeleli ubatsho baphoxeke, aze wona amakhwahla awakhiqe.[20] Amaciko athenjiweyo uwatsho abhibhidle; aze ayiphuthise nengqiqo yamadoda amakhulu. |
|
Yobhi 32:7 |
Ndithe: ‘Mandiyekel' iminyak' isiphakele.’ Bendisithi: ‘Izilimela zingasiph' ubulumko.’ |
|
Yoweli 2:28 |
“Kothi ke emva koko ndithulule uMoya wam kulo lonke uluntu, bashumayele oonyana neentombi zenu, amaxhego aphuphe amaphupha, abafana babone imibono. |
|
Leviticus 19:32 |
“Bahloneleni abantu abadala, nibanike imbeko, nimhlonele uThixo wenu – ndinguNdikhoyo. |
|
Filemon 1:9 |
kodwa imfobe yothando iyandinyanzela ukuba ndikubongoze. Ewe, mna kanye Pawulos, ndilixhego nje ngoku, futhi ndikwangumbanjwa ngenxa kaYesu Krestu, |
|
Umhobe 71:9 |
Ungandilahli ndakuguga; ungandishiyi ndakuphelelwa ngamandla. |
|
Umhobe 71:18 |
Nangona ndiyingwevu nje, sukundilahla, Thixo, ndide ndiwabhengeze amandla akho nakwizizukulwana ezizayo. |
|
Umhobe 73:26 |
Umzimba nentliziyo zingade ziphelelwe, wona amandla am nguThixo, ulibango lam naphakade. |
|
Umhobe 90:10-12 |
[10] Iminyaka yomntu iba ngamashum' asixhenxe, xa ngaba womelele ibe ngamashum' asibhozo; kodwa iza neenkxwaleko neentsizi, imihla yethu ithi tshe iphele.[11] Ngubani owaziyo umsindo wakho; ingubani oluqondayo unkwantyo oluza nengqumbo yakho?[12] Sifundise ukuyiqingqa imihla yethu, ukuze sizuze ubulumko. |
|
Umhobe 91:16 |
ndimvuze ngobomi obude, ndimbonise ukuba ndiyasindisa. |
|
Imizekeliso 17:6 |
Abazukulwana libhongo lookhokho, kanti ke igugu labantwana ngabazali. |
|
Imizekeliso 20:29 |
Isihomo samadoda amatsha ngamandla awo; kanti ke sona isithozela samadod' amakhulu zizimvi. |
|
Imizekeliso 23:22 |
Mntwana wam, mphulaphule uyihlo owakuzalayo, ungamdeli nonyoko ekwaluphaleni kwakhe. |
|
Umhobe 37:35 |
Ndalibona lilawula ngegqudu itshijolo, lilugxibha ngathi ngumkhoba wamahlathi. |
|
1 Chronicles 29:28 |
Wasweleka seleyindoda enkulu, ekhulile, ebuxhamle ubomi obude, ubutyebi, nesidima. Esikhundleni sakhe kwangena unyana wakhe uSolomon wangukumkani. |
|
1 Ukumkani 3:14 |
Ukuba ke uthe wahamba ngeendlela zam, wayithobela imimiselo nemithetho yam njengoDavide uyihlo, ndokuthi jize ngobomi obude.” |
|
Umhobe 103:5 |
ulondenzel' izintw' ezintle ebomini, ndihlale ndingumqaba-qaba njengokhozi. |
|
Tito 2:3 |
Nabo abafazi abakhulu mabandiliseke, bangabi nalulwimi, banganxili butywala, bakwazi ukufundisa, |
|
1 Timoti 5:1-2 |
[1] Ungaze uthethe rhabaxa nomntu omdala kunawe. Thetha naye ngokungathi uthetha noyihlo. Abafana abanganeno kuwe bathathe njengabaninawe,[2] abafazi abadala njengonyoko. Phakathi kwabafazana ziphathe nyulu njengakoodade wenu. |
|
Umhobe 71:8-9 |
[8] Ndiswel' imilomo yokukubonga, ndikudumise maxa onke.[9] Ungandilahli ndakuguga; ungandishiyi ndakuphelelwa ngamandla. |
|
Filipi 3:20-21 |
[20] Kanti ke thina ikomkhulu lethu lisezulwini, apho silindele ngolangazelelo ukuba uya kuvela khona uMsindisi wethu, iNkosi uYesu Krestu.[21] Yena uya kuyiguqula le meko yethu iphuthileyo, ayifanise neyakhe enobungangamsha, esebenzisa kwaloo mandla awasebenzisayo xa afaka zonke izinto phantsi kolawulo lwakhe. |
|
Isaya 46:3-4 |
[3] “I-i-i-nzwi ke wena, ndlu kaYakobi! Ndiphulaphuleni nina masalela endlu kaSirayeli, nina endanixhasa kwasekukhawulweni kwenu, ndaza ndanisingatha kwasekuzalweni kwenu.[4] Noda niguge nibe ziingwevu mna ndisengulowo unixhasayo. Nenziwa ndim, ngoko ke ndonisingatha; ewe, ndonigcina ndinihlangule. |
|
Umhobe 92:12-15 |
[12] Amalungisa achuma njengesundu, akhula njengemisedare yaseLibhanon.[13] Amilile emzini kaNdikhoyo; ayakhula endlwini kaThixo.[14] Avelisa iziqhamo naxa selaluphele, aqhelezele omelele.[15] Kutheth' ukuthi ke uNdikhoyo ulilungisa, yena ngumkhuseli wam, akukho khwiniba kuye. |
|
Ecclesiastes 12:1-7 |
[1] Mkhumbule uMdali wakho ngemihla yobutsha bakho, ngoku ingekafiki imihla yeenkathazo, ingekasondeli neminyaka apho uya kuthi: “Akukho nto imnandi ekudleni ubomi.”[2] Ngelo thuba ke ukukhanya kwelanga, inyanga, neenkwenkwezi, kosuka kufiphale kuwe, nezulu lihlale lisibekele ngathi kungemva kwemvula.[3] Iingalo zakho ebezikukhusela ziya kuba nomkhinkqi; ngokunjalo nale milenze yakho yomeleleyo okwangoku iya kuba nengevane. Uya kuba ungasenako ukuhlafuna, kuba amazinyo embalwa, namehlo selemfiliba, ungasaboni kakuhle.[4] Iindlebe ziya kuba sezixinene, ungabi sayiva nengxolo esesitalatweni, nditsho nesandi selitye lokusila. Uya kuvuka kusasa zisantyiloza iintaka, noxa kungasekho nayiphi na ingoma onokuyiva.[5] Ngelo xesha uya kuzoyika iindawo eziphakamileyo, ngokunjalo uziphephe iingozi ezitalatweni. Iinwele zakho zosuka zibe mhlophe oku kom-amangile otyatyambileyo, nasekuhambeni ungabi nako nokuzirhuqa oku, ke yona iminqweno ingabi nako ukuvuseleleka. Kaloku umntu uhlalelwe kukuhamba aye ekhayeni lakhe laphakade, abazili behle benyuka ezitalatweni.[6] Ewe kaloku, umxokelelwana wesiliva uya kushunquka, nesibane segolide siwe saphuke; ukanti ke nentambo phaya equleni iya kuqhawuka, nomphanda utsho ukroboke.[7] Ke lona uthuli lwethu luya kubuyela emhlabeni, apho lwaluvele khona kakade, umoya ubuyele kuThixo njengoko wawuvela kuye. |
|
Xhosa Bible 1996 |
© Bible Society of South Africa. All rights reserved |