Mateyu 10:13 |
Ukuba abantu baloo mzi bayanamkela, basikeleleni, kodwa ukuba abanamkeli, uxolo lwenu malubuyele kuni.
|
Mateyu 10:34 |
“Ze ningabi ndizise uxolo ehlabathini. Hayi, andizisanga luxolo, koko ndizise imbambano.
|
Marko 3:32 |
Wayengqongwe sisihlwele sabantu, kwaza kwakho othi kuye: “Uxolo, nanku unyoko nabantakwenu ngaphandle, bekufuna.”
|
Luka 2:14 |
“Makadunyiswe uThixo kweliphezulu, kube luxolo emhlabeni kubantu abamkholisayo.”
|
Luka 10:5 |
Nakuwuphi na umzi enithe nangena kuwo, yithini kuqala: ‘Uxolo malube nani kweli khaya!’
|
Luka 12:51 |
Niba ndizise uxolo na ehlabathini? Ndithi kuni, hayi, ndizise imbambano!
|
Luka 19:38 |
isithi: “Makabongwe lo Kumkani uzayo egameni leNkosi! Uxolo ezulwini; udumo kweliphezulu!”
|
Luka 19:42 |
esithi: “Akwaba nawe, Jerusalem, ubuzazi namhlanje izinto ezikuzisela uxolo! Kodwa ngoku zifihlakele kuwe!
|
Luka 24:36 |
Ke kaloku, besazithetha ezi zinto, uYesu ngenkqu wema phakathi kwabo, [wathi kubo: “Uxolo malube nani.”]
|
Иоанн 20:19 |
Ngokuhlwa ngaloo mini yeCawe abafundi babehlangene, bezivalile iingcango kuba besoyika amaJuda. Wafika uYesu, wema phakathi kwabo, wathi: “Uxolo malube nani.”
|
Иоанн 20:21 |
Waphinda wathi kubo uYesu: “Uxolo malube nani. Njengokuba uBawo endithumile mna, nani ndiyanithuma.”
|
Иоанн 20:26 |
NgeCawe elandelayo, behlangene kwakhona endlwini abafundi bakaYesu, ekho noTomas, wafika uYesu, iingcango zivaliwe, wathi: “Uxolo malube nani.”
|
Roma 15:13 |
Wanga ke uThixo, umthombo wethemba, angáthi ngokukholwa kwenu anivuyise kakhulu, aniphe uxolo, ukuze ithemba lenu liye lisanda ngokwanda ngamandla oMoya oyiNgcwele.
|
1 Korinte 1:3 |
Kuni ke ndithi: Makube sisisa, kube luxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi uYesu Krestu.
|
2 Korinte 1:2 |
Wanga uThixo uBawo wethu, kunye neNkosi uYesu, anganenzela isisa, aniphe uxolo.
|
Galati 1:3 |
Wanga uThixo wethu neNkosi yethu uYesu Krestu anganenzela isisa, aniphe uxolo.
|
Galati 6:16 |
Nabani na ohamba ngalo mgaqo ndimnqwenelela uxolo nenceba, kunye nalo lonke usapho lukaThixo – nguSirayeli omtsha ke lowo.
|
Efese 1:2 |
Ndithi: Wanga uThixo uBawo wethu, neNkosi uYesu Krestu, anganenzela isisa, aniphe uxolo.
|
Efese 2:15 |
Kaloku uwubhangisile umthetho nemiyalelo kwanemimiselo yawo, ukuze ngezi zizwe zibini adale isizwe esitsha esimanywe naye ngokwakhe. Ngaloo ndlela ke udale uxolo.
|
Efese 6:23 |
Wanga uThixo uYise neNkosi uYesu Krestu angawapha uxolo nothando nokholo onke amawethu.
|
Filipi 1:2 |
Sithi: Wanga uThixo uBawo wethu neNkosi uYesu Krestu anganenzela isisa, aniphe uxolo.
|
Filipi 4:7 |
Ke lona uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzalusa iintliziyo neengcinga zenu ningahlukani noKrestu.
|
Filipi 4:9 |
Zenzeni zonke izinto enazivayo nezo nazibonela kum, amazwi kwanezenzo. Ke uThixo onika uxolo uya kuba nani.
|
Kolose 1:2 |
Ndibhalela usapho lukaThixo, amawethu athembekileyo aseKolose, amanyene noKrestu. Ndithi: Ngamana uThixo uBawo wethu wanenzela isisa, aniphe uxolo.
|
Kolose 3:15 |
Uxolo eniluphiwa nguKrestu malube lulo olugweba iintliziyo zenu, kuba uThixo wanibizela kolu xolo ukuze nibe ngamalungu omzimba omnye. Phuphumani ke ngumbulelo.
|
1 Tesalonika 5:23 |
Wanga ke uThixo osinika uxolo anganenza nyulu ngeendlela zonke, anigcine ngokupheleleyo, umoya nomphefumlo nomzimba, ningabi nabala ekufikeni kweNkosi uYesu Krestu.
|
2 Tesalonika 1:2 |
Ndithi: Wanga uThixo uYise neNkosi uYesu Krestu anganenzela isisa, aniphe uxolo.
|
2 Tesalonika 3:16 |
Ngamana iNkosi, ekuvela kuyo yonke inzolo, ingamana inipha uxolo njalo-njalo, ngeendlela zonke. INkosi mayibe nani.
|
Filemon 1:3 |
Wanga uThixo uBawo wethu kunye neNkosi uYesu Krestu anganibabala, aniphe uxolo.
|
Hebhere 13:20 |
UThixo onika uxolo, owayivusa ekufeni iNkosi yethu uYesu Krestu, waba nguyena malusi womhlambi,
|
1 Petros 1:2 |
Nakhethwa kwangaphambili ngokwentando kaThixo, nenziwa imilowo ngoMoya oyiNgcwele, ukuze nilulamele uYesu, nitshizwe ngegazi lakhe. Nanga ke ningenzelwa isisa niphiwe uxolo ngakumbi nangakumbi.
|
1 Petros 3:11 |
Makahlukane nobubi, enze okulungileyo; makaphuthume uxolo, ahlale kulo.
|
1 Petros 5:14 |
Bulisanani niqhutywa luthando. Makube luxolo kuni nonke nina bakaKrestu!
|
3 Yohane 1:15 |
Uxolo malube nawe. Bayabulisa bonke oogxa bakho. Nawe bulisa kubahlobo bam bonke ngabanye.
|
Yuda 1:2 |
Ndithi: kuni makongame inceba, uxolo, nothando.
|
Xhosa Bible 1996 |
© Bible Society of South Africa. All rights reserved |