|
|
|
|
|
|
|
|
|
|
Khangela
|
|
Luka 1:13 |
Isithunywa eso sathi kuye: “Musa ukoyika, Zakariya. UThixo uwuvile umthandazo wakho. Umfazi wakho uElizabhete uya kuzala unyana. Uze umthiye igama elinguYohane.
|
Acts 26:29 |
UPawulos waphendula wathi: “Nokuba kukwangoku, nokuba kukade, ngumthandazo wam ukuba ingabi nguwe wedwa, kodwa ibe ngabo bonke abandiphulaphuleyo namhlanje, babe njengam; kodwa ke noko bona bangakhonkxwa.”
|
1 Korinte 14:17 |
Nangona wona umthandazo wakho uvakala kuThixo, awuloncedo komnye umntu.
|
Filipi 1:9 |
Umthandazo wam kukuba ze niye nikhula ngokukhula eluthandweni naselwazini oluphangaleleyo, nibe nombono onzulu,
|
Filemon 1:6 |
Umthandazo wam kukuba ubudlelane bethu enkolweni bunga bungakwenza uziqonde ngcono iintsikelelo esinazo thina bamanywe noKrestu.
|
Hebhere 5:7 |
Esadla ubomi apha emhlabeni, wayedla ngokwenza imithandazo nezicelo, ekhala iinyembezi, ebhekisa kuThixo onamandla okumhlangula ekufeni. Wawuva uThixo umthandazo wakhe, ngenxa yokuzimisela kwakhe ukuthobela.
|
Yakobi 5:16 |
Ngoko ke zivumeni izono omnye komnye, nithandazelane, khon' ukuze ninyangeke. Kaloku umthandazo womntu olungileyo unamandla angummangaliso.
|
1 Petros 3:7 |
Amadoda ngokunjalo makahlalisane kakuhle namakhosikazi awo. Naxa ingabantu ababuthathaka amakhosikazi la, makahlonitshwe; aziindlamafa zesisa sikaThixo ngokulinganayo namadoda. Xa nenjenjalo ke akukho nto iya kuwuphazamisa umthandazo wenu.
|
Xhosa Bible 1996 |
© Bible Society of South Africa. All rights reserved |
|