A A A A A


Khangela

Mateyu 12:10
Apho babona umntu owome isandla. Abantu abathile, benenjongo yokummangalela uYesu, bambuza besithi: “Ngaba kuvumelekile na ukuphilisa *ngoMhla wokuPhumla?”


Marko 3:4
Waza wathi kubo: “Okuvumelekileyo ngoMhla woPhumlo kukwenza okulungileyo, kukwenza okubi; kukuphilisa, kukubulala; kusini na?” Kwathi cwaka.


Luka 6:9
Waza wathi uYesu: “Ndixeleleni: okuvumelekileyo ngoMhla wokuPhumla kukwenza okulungileyo, okanye kukwenza okubi; kukuphilisa umntu, okanye kukubulala, kusini na?”


Luka 14:3
Waza ke uYesu wabuza kubachazi-mthetho nabaFarasi, esithi: “Ngaba kuvumelekile na ukuphilisa ngoMhla woPhumlo?”


Xhosa Bible 1996
© Bible Society of South Africa. All rights reserved