Mateyu 6:5 |
“Xa uthandazayo, uze ungabi njengabahanahanisi, bona bathand' ukuthandaza bemi *ezindlwini zesikhungo nasezikoneni zezitalato, ngenjongo yokuba babonwe ngabantu. Inene, sebewufumene umvuzo wabo.
|
Mateyu 6:6 |
Ke wena, xa uthandazayo, ngena egumbini lakho, uluvale ucango, uthandaze kuYihlo ongabonwayo. Ke uYihlo, yena obona okwenzeka emfihlekweni, wokuvuza.
|
Mateyu 6:7 |
“Ngoko ke, xa nithandazayo, ze ningenzi milembelele ingento, njengabangakholwayo, bona baba boviwa ngenxa yamazwi abo amaninzi.
|
Mateyu 6:9 |
Thandazani ke ngoko nina nithi: “ ‘Bawo wethu osezulwini: Malaziwe lihlonelwe igama lakho,
|
Mateyu 9:38 |
Thandazani ke ngoko kuMnini-sivuno, okokuba athumele abasebenzi, baye kuvuna.”
|
Mateyu 14:23 |
Akuba ke esindulule isihlwele, wenyuka intaba eyedwa, esiya kuthandaza. Kwahlwa eyedwa khona apho.
|
Mateyu 17:21 |
“Olu lona uhlobo alunako ukuphuma kungengako ukuthandaza nokuzila ukutya.”]
|
Mateyu 21:13 |
waza wathi kubo: “*EziBhalweni uThixo uthi: ‘Indlu yam yindlu yokuthandaza.’ Ke nina niyenze umqolomba wezihange.”
|
Mateyu 26:36 |
Ke uYesu nabafundi bakhe bafika kwisitiya ekuthiwa yiGetsemane, wathi kubo: “Hlalani apha, ndikhe ndiye kuthandaza phaya.”
|
Mateyu 26:39 |
Esukile kubo wathi qelele, wawa emhlabeni, wathandaza esithi: “Bawo, ukuba kunokwenzeka, yidlulise kum le ntlungu. Noko ke, makungabi kokuthandwa ndim, makube kukuthanda kwakho.”
|
Mateyu 26:42 |
Wabuya wemka, waya kuthandaza, esithi: “Bawo, ukuba le ntlungu ayinako ukudlula kum ndingathanga ndayiva, makwenzeke ukuthanda kwakho.”
|
Mateyu 26:44 |
Wabashiya kwakhona uYesu, waya kuthandaza okwesithathu kwangaloo mazwi.
|
Marko 1:35 |
Kwathi kusesekuseni kakhulu, kusemnyama, wavuka uYesu, waya kuthandaza ngasese.
|
Marko 6:46 |
Akuba ke ebulisile, wemka waya kuthandaza entabeni.
|
Marko 9:29 |
Wathi kubo: “Olu lona uhlobo alunako ukuphuma kungengako ukuthandaza.”
|
Marko 11:24 |
Ngenxa yoko ndithi kuni, zonke izinto enizicela nithandaza, kholwani ukuba senizinikiwe; nozifumana ke.
|
Marko 11:25 |
Naxa nithandazayo, ukuba ninendawo ngakubani, mxoleleni, ukuze noYihlo osezulwini anixolele iziphoso zenu. [
|
Marko 14:32 |
Ke kaloku bafika kumhlatyana ogama liyiGetsemane; waza uYesu wathi kubafundi bakhe: “Hlalani apha ngeli xa ndithandazayo.”
|
Marko 14:39 |
Wabuya wemka, waya kuthandaza kwangalawa mazwi.
|
Luka 1:10 |
kukho inkitha yabantu ithandaza ngaphandle ngexesha lesiqhumiso.
|
Luka 2:37 |
waza waphila de waba minyaka imashumi asibhozo anane engumhlolokazi. Wayengapheli endlwini kaThixo, ekhonza uThixo ngokuzila ukutya nangokuthandaza ebusuku nasemini.
|
Luka 3:21 |
Ke ekubhaptizweni kwento eninzi yabantu, noYesu ebhaptiziwe, kwathi ethandaza, lavuleka izulu,
|
Luka 5:33 |
Ke kaloku abantu abathile bathi kuYesu: “Kutheni na ukuba abafundi bakaYohane *nababaFarasi basoloko bezila ukutya, bethandaza, kanti bona abakho bayatya basele?”
|
Luka 6:12 |
Kwathi ngaloo mihla uYesu waphuma, wasinga entabeni, esiya kuthandaza. Wachitha ubusuku bonke ezibika kuThixo.
|
Luka 9:18 |
Kwathi uYesu ethandaza bucala enabafundi bakhe, wababuza esithi: “Ngaba izihlwele ezi zithi ndingubani?”
|
Luka 9:28 |
Kwathi, malunga neveki emva kokuba uYesu ezithethile ezi zinto, wathatha uPetros noYohane noYakobi, wenyuka nabo waya entabeni, esiya kuthandaza.
|
Luka 9:29 |
Kwathi ethandaza njalo, ubuso bakhe babonakala bububumbi, nesambatho sakhe siqaqambile, simenyezela.
|
Luka 11:1 |
Ke kaloku uYesu wayethandaza ndaweni ithile; kwathi akugqiba, omnye kubafundi bakhe wathi kuye: “Nkosi, sifundise ukuthandaza, kwanjengoko uYohane wabafundisayo ukuthandaza abakhe abafundi.”
|
Luka 11:2 |
Wathi ke kubo uYesu: “Xa nithandazayo yithini: “ ‘Bawo, malaziwe lihlonelwe igama lakho; malongame ulawulo lwakho.
|
Luka 18:1 |
UYesu wabenzela umzekeliso ukubakhuthaza ukuba bahlale bethandaza bengatyhafi,
|
Luka 18:10 |
“Amadoda amabini enyuka aya *endlwini kaThixo, esiya kuthandaza. Enye *yayingumFarasi, enye ingumqokeleli-rhafu.
|
Luka 18:11 |
“Ke yena umFarasi wayemi ethandaza esithi: ‘Thixo, ndiyabulela kuba ndingènjengabanye abantu, abaphangi, izikhohlakali, abakrexezi, ndingènjengaye nalo mqokeleli-rhafu.
|
Luka 19:46 |
esithi kubo: “*EziBhalweni uThixo uthi: ‘Indlu yam yindlu yokuthandaza.’ Ke nina niyenzé umqolomba wezihange.”
|
Luka 22:40 |
Akufika apho, uYesu wathi kubo: “Thandazani ukuze ningangeni ekulingweni.”
|
Luka 22:41 |
Wasuka kubo, wathi qelele, waguqa ngamadolo, wathandaza
|
Luka 22:44 |
Edandathekile kakhulu uYesu, kwaba kukhona athandaza ngenyameko, kwada ukubila kwakhe kwangathi ngamathontsi egazi esiwa emhlabeni.]
|
Luka 22:47 |
UYesu esathandaza, kwathi gqi indimbane, ikhokelwa nguJudas, ongomnye wabafundi abalishumi elinambini. Yena wasondela kuYesu ukuba amange.
|
Acts 1:14 |
Bonke aba babezingisa ukuthandaza ngamxhelo mnye, kukho namanina, ekho noMariya unina kaYesu nabantakwabo-Yesu.
|
Acts 1:24 |
Bathandaza ke benjenje: “Nkosi, wena uzaziyo iingcinga zeentliziyo zabantu bonke, sahlulele phakathi kwala madoda mabini, usibonise eyona uyinyulele
|
Acts 2:42 |
Babehlangana rhoqo, bedlelana ngokuphulaphula iimfundiso zabathunywa, nangokuqhekeza isonka, nangokuthandaza.
|
Acts 4:24 |
Bevile ke, bonke bathandaza ngamxhelo mnye, besithi: “Nkosi, Mdali wezulu nomhlaba nolwandle nazo zonke izinto ezilapho,
|
Acts 4:31 |
Bakuba begqibile ukuthandaza, indawo ababehlangene kuyo yazanya-zanyiswa. Bonke bazaliswa nguMoya oyiNgcwele, baza baluthetha udaba lukaThixo benobuganga.
|
Acts 9:11 |
Yathi iNkosi kuye: “Khawuleza, uye esitalatweni ekuthiwa sesithe ngqo, uze ufune indlu kaJuda, apho kuyo ukhangele indoda yaseTarso egama linguSawule. Iyathandaza khona,
|
Acts 9:40 |
UPetros wabakhuphela phandle bonke, waza waguqa wathandaza. Wathi kamva waguqukela kuso isidumbu, wathi: “Tabhita, vuka!” Wajonga, waza akubona uPetros, wavuka.
|
Acts 10:2 |
Yena nosapho lwakhe babengabantu abamnqulayo bemhlonela uThixo. Wayengumntu onezinwe, ewanceda amaJuda ahlelelekileyo, ethandaza rhoqo kuThixo.
|
Acts 10:9 |
Ngomhla olandelayo, xa babesendleleni, besondela eJopa, uPetros uthe emini emaqanda waya kuthandaza phezu kwendlu kwindawo esabuvaranda.
|
Acts 10:30 |
Uthe ukuphendula uKorneli: “Ngoku kusemva kweentsuku ezine oko ndandithandaza endlwini yam, malunga neli lixa ngentsimbi yesithathu emva kwemini, kwathi gqi umfo onxibe ezibengezelayo, wema phambi kwam,
|
Acts 11:5 |
“Ndathi ndiseJopa, ndithandaza ndabona umbono. Ndabona kusihla into engathi lilaphu elikhulu, lithotywa ngamasondo omane ezulwini, yaza kuthi ngxingxilili ngakum.
|
Acts 12:12 |
Akuyiqonda le nto yenzekileyo uPetros waya emzini kaMariya, unina kaYohane Marko. Kwakukho abantu abaninzi apho, bethandaza.
|
Acts 13:3 |
Ngoko ke bazila ukutya bathandaza, bababeka izandla, baza babandulula.
|
Acts 16:16 |
Ngamhla uthile xa sasisiya kwindawo yokuthandaza, sahlangana nentombi eyayilikhoboka. Yayinamafufunyana. Yayibenzela imali eninzi ke abanikaziyo ngokuchazela abantu izinto eziza kubehlela.
|
Acts 16:25 |
Phakathi kobusuku uPawulos noSilas bathandaza bacula bedumisa uThixo, namanye amabanjwa ebeva.
|
Acts 20:36 |
Akuwagqiba la mazwi uPawulos, waguqa nabo bonke, wathandaza.
|
Acts 21:5 |
Kodwa lakufika ixesha lokumka, sayihamba indlela yethu. Basikhapha sada sangaphandle kwedolophu, bekunye nabafazi kwanabantwana babo. Saguqa elunxwemeni apho, sathandaza.
|
Acts 22:17 |
“Ndaphindela kwaseJerusalem, apho ndathi *ndisendlwini kaThixo ndithandaza, ndaba nombono.
|
Roma 8:26 |
Ngokukwanjalo noMoya uyasixhasa ekusweleni kwethu amandla, kuba kaloku asiyazi eyona ndlela singathandaza ngayo. Kodwa ke kweso singqala sethu sikhohliwe uMoya ngokwakhe uyasithethelela.
|
1 Korinte 7:5 |
Musani ukwala ukuhlangana, ngaphandle kokuba nivumelene ukungahlangani okomzuzwana, nisenzela ukuba nibe nethuba lokuthandaza. Emva koko ke ze nibuye nihlangane, hleze uSathana anihende ngenxa yokungabi nako kwenu ukuzibamba.
|
1 Korinte 11:4 |
Ngoko ke indoda ethandazayo okanye eshumayelayo enkonzweni ithwele into entloko, iyamhlaza uKrestu.
|
1 Korinte 11:5 |
Kwaye nawuphi na umfazi othandazayo okanye oshumayelayo enkonzweni, engathwele nto entloko, uyayihlaza indoda yakhe; loo mfazi akahluke nganto kumfazi onenkqayi!
|
1 Korinte 14:14 |
Kuba xa ndithandaza ngeelwimi umoya wam uhamba nam, kodwa yona ingqiqo ayithathi nxaxheba.
|
2 Korinte 12:8 |
Ndayithandaza kathathu iNkosi, ndiyicela ukuba isisuse kum.
|
2 Korinte 13:7 |
Ndithandaza kuThixo ukuba ningoni tu – kungekuko ukubonakalisa impumelelo yam, kodwa kukuze nenze oko kulungileyo, nangona mna ndinga ngathi ndoyisiwe.
|
Efese 3:1 |
Kungesi sizathu ke, mna Pawulos ongumbanjwa kaYesu Krestu ngenxa yenu zintlanga, ndimthandaza nje uThixo.
|
Efese 6:18 |
Zinikeleni ngokupheleleyo ekuthandazeni. Thandazani maxa onke niqhutywa nguMoya. Ngesi sizathu ke hlalani nithe qwa, ningancami, nisoloko nibathandazela abantu bakaThixo.
|
Kolose 4:2 |
Zingisani ukuthandaza, niphaphile, ninombulelo kuThixo.
|
1 Tesalonika 3:10 |
Imini nobusuku ndihleli ndithandaza ngenyameko, ndicela ukuba ze ndibuye ndibonane nani, ndize ndilulungise ukholo lwenu apho lulambatha khona.
|
1 Timoti 2:8 |
Ngoko ke ngumnqweno wam ukuba imithandazo yenziwe ngamadoda emabandleni onke, ethandaza ephakamise izandla ngeenjongo ezimsulwa, engahambisani neengxabano nomsindo.
|
1 Timoti 5:5 |
Kodwa umfazi ongumhlolokazi nene-nene ongenabani, ithemba lakhe ulibeke kuThixo. Uthandaza ubusuku nemini ecela uncedo lukaThixo.
|
Filemon 1:4 |
Maxa onke ndithandaza, ndiyambulela uThixo ngenxa yakho.
|
Yakobi 4:3 |
Noba sowude wathandaza ucela, awuzuzi, kuba kaloku iinjongo zakho zimbi, ufuna nje ukufezekisa iinkanuko zakho.
|
Yakobi 5:17 |
Ewe, uEliya wayengumntu efana nathi. Kodwa wathandaza ngokuzimisela ukuba ingani imvula, ngenene labalela iminyaka emithathu enesiqingatha.
|
Yakobi 5:18 |
Waphinda wathandaza, saza isibhakabhaka sayithoba imvula, lachuma ilizwe.
|
1 Petros 4:7 |
Kuzo zonke izinto isiphelo sisemnyango. Ngoko ke hlalani nisezingqondweni, nikuqulele ukuthandaza.
|
Yuda 1:20 |
Ngoko ke nina, zihlobo zam, zingisani nizakhe elukholweni lwenu olunyulu. Thandazani niqhutywa nguMoya oyiNgcwele.
|
Xhosa Bible 1996 |
© Bible Society of South Africa. All rights reserved |