Yohane 1:29 |
Ngengomso uYohane wabona uYesu esiza kuye, wathi: “Nâlo ixhwane likaThixo lokungxengxezela isono sehlabathi.
|
Yohane 1:36 |
Waza wabona uYesu edlula apho, wathi: “Nâlo ixhwane likaThixo lokungxengxezelela isono.”
|
Yohane 8:34 |
Wawaphendula uYesu wathi: “Ndithi kuni, inene, bonke abenza isono bangamakhoboka esono.
|
Yohane 16:8 |
Uya kuthi ke akufika ababonise abantu beli hlabathi into esiyiyo isono sabo, into obuyiyo ubulungisa babo, nento okuyiyo ukugwetywa:
|
Yohane 16:9 |
isono esi kukuba bengakholwa kum;
|
Roma 1:18 |
Ingqumbo kaThixo ibonakala ivela ezulwini. Yona ichasene naso sonke isono nokungalungisi kwabantu abayithintelayo inyaniso ngokona.
|
Roma 5:12 |
Njengoko isono sangena ehlabathini ngenxa yomntu omnye, ukufa kwangena ngaso isono. Ngokunjalo ke nokufa kwalutyhutyha lonke uluntu, kuba bonke abantu bôna.
|
Roma 5:13 |
Isono ke sabakho ehlabathini ungekabikho *umthetho kaMosis. Ke, apho kungekho mthetho, isono sokwaphula umthetho asinakubalelwa mntwini.
|
Roma 5:15 |
Kodwa isono sika-Adam asinakulinganiswa nesisa sikaThixo. Kaloku naxa kwafa abantu abaninzi nje ngenxa yesono salowo mnye unguAdam, lona ubabalo lukaThixo esalufumana ngaloo mntu mnye unguKrestu, lwaphuphumela kubantu abaninzi ngakumbi.
|
Roma 5:20 |
Ke kaloku wakungena umthetho kaMosis, isono sanda. Kodwa apho kwânda khona ukona, lwaphuphuma ngakumbi ubabalo asibabala ngalo uThixo.
|
Roma 5:21 |
Njengokuba ke isono salawula ngokufa, ngokunjalo nobabalo lulawula ngokwenziwa kwethu amalungisa nguThixo. Lonu lusikhokelela ebomini obungonaphakade ngenxa kaYesu Krestu iNkosi yethu.
|
Roma 6:2 |
Nakanye! Thina kaloku safa kuso isono. Singathini ke ukuba siqhubele phambili sisona?
|
Roma 6:6 |
Siyazi ke ukuba isimo sethu esidala sabethelelwa emnqamlezweni noKrestu, khon' ukuze igunya lesono liphuthiswe nasemizimbeni yethu, size singabi salawulwa sisono.
|
Roma 6:10 |
Kuba wafa kwakanye, efela isono; kodwa ngoku udla ubomi, ephilela uThixo.
|
Roma 6:11 |
Ngokunjalo nani zibaleleni ekubeni ningabafileyo okunene kuso isono, niphilela uThixo ngobomi enibudlayo, nimanywe noKrestu Yesu, iNkosi yethu.
|
Roma 6:12 |
Ngoko ke isono masingayilawuli imizimba yenu efayo. Sanukuzivumela iinkanuko zemizimba yenu.
|
Roma 6:14 |
Isono masinganilawuli, kuba anikho phantsi komthetho, niphantsi kobabalo lwesisa sikaThixo.
|
Roma 6:16 |
Kakade niyazi ukuba lowo nizinikela kuye ukuba anilawule, ngokwenyani niyamkhonza, nimthobele. Abalawulwa sisono ke baba sisisulu sokufa, kodwa abamthobeleyo uThixo ubenza amalungisa.
|
Roma 6:17 |
Ke kaloku, makubulelwe kuThixo, kuba nanifudula nilawulwa sisono, kodwa ngoku niyithobela ngokupheleleyo imfundiso eniyifundisiweyo.
|
Roma 6:18 |
Nakhululwa ke kuso isono, naba phantsi kobulungisa.
|
Roma 6:20 |
Okuya nanilawulwa sisono naningekho phantsi kobulungisa.
|
Roma 6:23 |
Isono sinomvuzo: samkelisa ukufa; ke sona isipho asibabala ngaso uThixo ngokumanywa kwethu noKrestu Yesu iNkosi yethu, bubomi obungonaphakade.
|
Roma 7:7 |
Ndithini ke xa nditshoyo? Ngaba ndithi umthetho usisono? Nakanye! Kodwa ke ngendingasazanga isono ukuba ubungekho umthetho. Kaloku nenkanuko ngendingayazanga ukuba umthetho ubungatshongo ukuthi: “Uze unganqweneli...”
|
Roma 7:8 |
Isono ke sizuze ikroba ngawo lo mthetho, sandivusela yonke inkanuko. Kaloku xa kungekho mthetho, isono sifile.
|
Roma 7:9 |
Mna ke bendifudula ndiphila ungekho umthetho. Uthe ke wakufika umthetho, savuka isono,
|
Roma 7:11 |
Kuba kaloku isono sizuze ikroba ngawo lo mthetho, sandilukuhla, sandibulala ngawo.
|
Roma 7:13 |
Umthetho ulungile nje, ungaba kukufa kum? Nakanye! Sisono esaba kukufa kum. Sona sisebenzise into elungileyo ukundizisela ukufa, saza ke sacaca into esiyiyo, khon' ukuze ngomthetho isono sibonakale sisisono ngakumbi nangakumbi.
|
Roma 7:17 |
Ngoko ke ayisendim owenza loo nto ndingayithandiyo, koko sisono esihleli kum esenza loo nto.
|
Roma 7:20 |
Ukuba ke ndenza loo nto ndingayithandiyo, ayisendim oyenzayo, koko sisono esi sihleli kum esiyenzayo loo nto.
|
Roma 7:25 |
Ndiyambulela uThixo ngoYesu Krestu iNkosi yethu! Nantsi ke imeko endikuyo: Ngokuphathelele kwendikwaziyo entliziyweni yam, okunene ndikhonza uThixo; kodwa ngokwesimo sam esonakeleyo, ndikhonza isono.
|
Roma 8:2 |
Kaloku ngokumanywa kwam noKrestu Yesu, uMoya umniki-bomi undikhulule ekulawulweni sisono nakukufa.
|
Roma 8:3 |
Ke wona umthetho wawungenako ukusikhulula, ngenxa yokonakala kwesimo sethu. Kodwa yena uThixo wamthumela uNyana wakhe, ekwisimo esifana nesimo sethu esonakeleyo, waza wasigweba isono emntwini wenyama negazi.
|
Roma 14:23 |
Kodwa ke lowo uthandabuzayo xa atyayo, selegwetyiwe, kuba akatyi ekholwa. Yonke ke into ayenzayo umntu engaqinisekanga ukuba iyamkholisa uThixo isisono.
|
1 Korinte 15:56 |
Ulwamvila lokufa sisono; amandla esono ngumthetho.
|
2 Korinte 5:21 |
Nangona wayengenasono uKrestu, kodwa ngenxa yethu, uThixo wamenza wanenxaxheba kwisono sethu, ukuze thina sithi ngokumanywa naye sibe nenxaxheba ebulungiseni bukaThixo.
|
2 Korinte 7:11 |
Khanibone into anenzele yona uThixo ngentlungu yenu: nitsho nanenyameko, nafuna nokuzihlamba ibala lesityholo, nakhathazeka, nanomothuko, nalangazelela nokundibona, natshiseka, nakuqonda nokohlwaya isono. Nibonakalise ngeendlela zonke ukuba aninabala kulo mbandela.
|
Galati 2:17 |
Ukuba ke thina sizamela ukwenziwa amalungisa nguThixo ngokumanywa noKrestu, sisafumaneka sisenza isono, ngaba loo nto ithetha ukuthi uKrestu uhambisana nesono? Nakanye!
|
Galati 3:22 |
Kodwa ke *iziBhalo ngokwazo zithi ihlabathi liphela lilawulwa sisono. Ngale ndlela ke isithembiso sifumaneka ngokholo kuYesu Krestu, futhi ke sizuzwa ngâbo bakholwayo bodwa.
|
2 Tesalonika 2:12 |
Ngenxa yale nto ke bonke abangayamkelanga inyaniso, abasuke bavuyela ukuxhamla isono, baya kugwetywa.
|
Hebhere 9:26 |
Kaloku ukuba bekungenjalo ubunzima nge-ebuve kaninzi, kususela ekusekweni kwehlabathi. Kodwa endaweni yaloo nto ungene kwaba kanye qwaba, ekusongweni kwamaxesha, ukuze isono asisuse ngedini elinguye buqu.
|
Hebhere 11:25 |
Wakhetha ukuhlupheka kunye nabantu bakaThixo kunokuba axhamle isono nokuba ngumzuzwana nje.
|
Hebhere 12:1 |
Ngoko ke, thina siphahlwe ngamangqina amaninzi kangaka nje, masiyilahle ke yonke into enokusibambezela, ingakumbi isono, kuba sona siyarhintyela. Masingene kolu gqatso luphambi kwethu sizimisele.
|
Hebhere 12:4 |
Kuba kaloku kulo mzabalazo wokulwa isono anikazingisi kude kuphalale igazi.
|
Yakobi 1:15 |
Loo minqweno yakhe ke iyakhawula, izale isono. Isono ke sona sithi sakuba nentshebe, sizale ukufa.
|
1 Yohane 1:7 |
Kodwa ke ukuba sihleli ekukhanyeni njengaye uThixo, siba nobudlelane. Ke lona igazi likaYesu uNyana wakhe lisihlambulula kuso sonke isono.
|
1 Yohane 3:4 |
Umntu owenza isono waphula umthetho kaThixo. Isono kaloku kukwaphula umthetho.
|
1 Yohane 3:5 |
Niyazi kaloku ukuba uKrestu weza kucamagushela isono; ibe ke akanasono yena.
|
1 Yohane 5:17 |
Nakuba konke ukungalungisi kusisono nje, azikhokeleli ekufeni ngokufanayo zonke izono.
|
Xhosa Bible 1996 |
© Bible Society of South Africa. All rights reserved |