Bible Selection
|
|
Old Testament
|
|
New Testament
|
|
|
|
Xhosa Bible 1975
|
|
|
|
1 |
Xa sitshoyo, singaba siyawaqala siziyaleze na? Okanye sifuna, njengabathile, kusini na, iincwadi zokuyalezwa kuni,nokuba zezokuyalezwa nini? |
2 |
Incwadi yethu thina, ebhalwe ezintliziyweni zethu, nini;iyaziwa, ileswa ngabantu bonke; |
3 |
nibonakalalisiwe nje ukuba niyincwadi kaKristu,eyalungiselelwa sithi, engabhalwanga ngainki, ebhalwe ngoMoya kaThixo ophilileyo; kungekhona emacwecweni amatye,kusemacwecweni angawenyama entliziyo. |
4 |
Sinenkoloseko enjalo ke kuThixo ngaye uKristu. |
5 |
Ukutsho andithi, sikulingene ngokwethu ukucamanga nto engathi iphuma kuthi ngokwethu; ukukulingana kwethu oko kuphuma kuThixo, |
6 |
osenze nokusenza sakulingana ukuba ngabalungiseleli bomnqophiso omtsha; singabi ngabobhalo nje kodwa, sibe singabomoya; kuba ubhalo luyabulala, umoya ke udlisa ubomi. |
7 |
Ke kaloku, ukuba ulungiselelo olo lubulalayo, lukroliweyo ematyeni ngobhalo, lweza lunobuqaqawuli, ngokude oonyana bakaSirayeli bangabi nakuqwalasela ebusweni bukaMoses, ngenxa yobuqaqawuli bobuso bakhe, ubuqaqawuli ke obebuza kubhanga: |
8 |
lungathini na ulungiselelo lwakhe uMoya, ukungabi nobuqaqawuli ngokugqithiseleyo? |
9 |
Kuba, ukuba ulungiselelo olugwebayo lunobuqaqawuli,kokukhona luya kugqithisela ngobuqaqawuli ulungiselelo lobulungisa. |
10 |
Kuba kwanoko kwenziwe kwaba nobuqaqawuli, akwenziwanga kwaba nobuqaqawuli ngale ndawo, ngenxa ke yobuqaqawuli obu bona bubalaselayo. |
11 |
Kuba xa oko bekuza kubhanga kunobuqaqawuli, kokukhona oku kuhleliyo kunobuqaqawuli. |
12 |
Sinethemba elinjalo nje ke ngoko, kokukhona singafihlisiyo ukuthetha; |
13 |
singaxelisi uMoses, yena wabeka isigqubuthelo ebusweni bakhe, ukuze oonyana bakaSirayeli bangaqwalaseli esiphelweni soko bekuza kubhanga. |
14 |
Zesuka noko zaqaqadekiswa iingqiqo zabo; kuba nanamhla sisahleli kwaeso sigqubuthelo ekulesweni kwawo umnqophiso omdala, singabhenqwanga, nto leyo ke ibhangayo kuKristu. |
15 |
Kusuke kwada kwaba namhlanje, kusithi, xenikweni kuleswa uMoses, kusuke kubekho isigqubuthelo entliziyweni yabo. |
16 |
Ke xenikweni ithe ke yona yabuyela eNkosini sosuswa kuphele isigqubuthelo eso. |
17 |
INkosi ke inguye uMoya; apho ke akhoyo uMoya weNkosi,kubakho inkululeko. |
18 |
Thina ke sonke, sinobuso nje obubhenqwe isigqubuthelo,sibukhangela njengokwasesipilini ubuqaqawuli beNkosi, senziwa similise okwaloo mfanekiselo, sivela ebuqaqawulini sisinge ebuqaqawulini, kwanjengokuvela eNkosini enguMoya. |
Xhosa Bible 1975 |
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved. |