Bible Selection
|
|
Old Testament
|
|
New Testament
|
|
|
|
Xhosa Bible 1975
|
|
|
|
1 |
Kumongameli: eyokuqiqa; eyoonyana bakaKora. Njengexhama elitsalela emifuleni yamanzi, Wenjenjalo ukutsalela kuwe,Thixo, umphefumlo wam. |
2 |
Umphefumlo wam unxanela uThixo, uThixo ophilileyo; Ndiya kufika nini na, ndibonakale ebusweni bukaThixo? |
3 |
Iinyembezi zam zaba kukudla kwam imini nobusuku, Bakuthi kum imihla yonke, Uphi na uThixo wakho? |
4 |
Ndikhumbula oku, ndiwuphalazela kum umphefumlo wam,Ukuhamba kwam nezihlwele ndisiya endlwini kaThixo, Sinezwi lokumemelela nokubulela, siyingxokolo evuyayo. |
5 |
Kungani na ukuba usibekeke, mphefumlo wam; Kungani na ukuba ugule ngaphakathi kwam? Lindela kuThixo, ngokuba ndisaya kubuya ndibulele kuye, Olusindiso lobuso bam, noThixo wam. |
6 |
Thixo wam, umphefumlo wam usibekekile kum; ngenxa yoko ndikhumbula wena Ezweni laseYordan, nakweleHermon, entabeni yeMitsare. |
7 |
Amanzi anzongonzongo abiza amanzi anzongonzongo ngesandi seengxangxasi zakho; Onke amaza akho alwayo, amaza akho agugumayo, adlule phezu kwam. |
8 |
Emini uYehova uya kuyiwisela umthetho inceba yakhe,Nasebusuku ukuvuma ngaye kunam, Ukuthandaza kuThixo wobomi bam. |
9 |
Ndithi ke kuThixo oyingxondorha yam, Undilibele ngani na?Ndihambelani na ngezimnyama zokuzila ngokuxina kotshaba? |
10 |
Ngento ephehlayo emathanjeni am, bayandingcikiva abandibandezelayo, Ngokuthi kwabo kum imihla yonke, Uphi na uThixo wakho? |
11 |
Kungani na ukuba usibekeke, mphefumlo wam; Kungani na ukuba ugule ngaphakathi kwam? Lindela kuThixo, ngokuba ndisaya kubuya ndibulele kuye, Olusindiso lobuso bam, noThixo wam. |
Xhosa Bible 1975 |
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved. |